

UVeronica Mkari ebabonisa enye iresipi emnandi yakwaRama - ibeef casserole yamhla ingqele iqhaqhazelisa amazinyo.

Bekungathi litheko kwabasetyhini ebebekwindibano ebiseLulekani Community Hall ePhalaborwa Bekucacile ukuba bonke bayonwabele indibano yeRAMA/BONA Womens Club ebingaloo mini.

UVeronica Mkari oyingcali kwezoqoqosho ekhaya esina ededelana noGrace Mathumba eqongeni kule ndibano.
BEKUTHETHWA
NGOKUNIKWA
KWAMABHINQA AMAGUNYA


Ubona ukuba indibano ethile iyathandwa ngokuza kwabantu abaninzi, yaye ngokubona inginginya yabantu ebiseLulekani Community Hall ePhalaborwa ngoJuni bekucacile ukuba indibano yamanenekazi yeRAMA/BONA ixatyisiwe njengoko kudla ngokuba njalo kulo lonke eli!
Undoqo wempumelelo yale ndibano kukuba ngaphandle kokubonisa amanenekazi iiresipi ezilingiweyo neziva-vanyiweyo zakwaRAMA, iqela lakwaRAMA liqinisekisa nokuba afumana udlwabevu lweentetho ngezinto eziza kuwanceda ebomini.
Izithethi zembeko kule ndibano bekunguSheilla Sithole, umKomishini wabaseTyhini kuRhulumente wePhondo lasemNtla noMercy Moage ongumncedi woluntu kwingingqi yasePhalaborwa.
UMercy Moage ubongoze abasetyhini ukuba bamanyane, bazibandakanye ekulawuleni ubomi babo. Ukhankanye amagama abasetyhini abathile ababe negalelo ekuphuculeni uMzantsi-Afrika nabazibandakanye ekwakhiweni ngokutsha kwayo nayiphi na inkqubo kweli. Amaphulo amaninzi enziwa nguRhulumente aqaliswa ngabasetyhini. Uthe: Ibhinqa nalo liyasebenza. Akukho nto eyenziwa ngamadoda engenakwenziwa ngabasetyhini. Ibhinqa lingumyili nomntu othanda inkqubela phambili ngokwendalo.Yiyo loo nto kusithiwa xa ufundisa indoda, ufundisa nje umntu omnye. Kodwa xa ufundisa owasetyhini ufundisa ilizwe.
USheilla Sithole uthe ufuna ukubona 
sithethi sembeko sokuqala bekunguMercy Moagi ongumncedi woluntu ePhalaborwa.






BONA XHOSA - August 1995 77



Esona sithethi sembeko esibalulekileyo bekungu Sheilla Sithole, uMkhomishina Wabasetyhini wokuqala kurhulumente wePhondo laseMntla.

abasetyhini kwiPhondo lasemNtla besezikhundleni zolawulo. Mna ndiya kwaneliseka xa amabhinqa elingana namadoda asezikhundleni, utshilo.
UNkszn. Sithole uncome abakwaRAMA neBONA ngale ndibano, uyijonga njengenegalelo ekuphuculeni abasetyhini.
Ngamafutshane, ukunikwa kwabasetyhini amagunya - indlela anokuzimela geqe ngayo nokungaxhomekeki mntwini zezona zinto athethe ngazo kudlwabevu lwentetho yakhe ebikwenza uzikise ukucinga.
Emva kwezo ntetho iindwendwe zonwatyiswe ngamaqela omculo nawomdaniso akule ngingqi. Kubekho nomculo wekwayala iNamakgale Teachers Choir , umxhentso owenziwe yiChuchekani Group neMatikokawa Youth Dancers kwaza, ukongeza kubumnandi bale ndibano kubekho notsalo oluqhelekileyo kwamatikiti abawelwe ngumqa esandleni nabazuza amabhaso amahle.
UVeronica Mkari oyingcali yezoqoqosho ekhaya nothandwayo wenze umboniso wakhe wokupheka nadume ngawo. Kule ndibano UVeronica ubonise amanenekazi indlela yokulungisa nokupheka 
ibeef casserole eginyis'iingwiqi ngesitya sokupheka eontini . Esi sidlo silungele iintsuku ezibandayo zasebusika, kanti songa nemali . Ekuqukumbeleni, eso sidlo sibe libhaso elizuzwe ngobenethamsanqa xa bekutsalwa abawelwe 
ngumq'esandleni ngasekupheleni kwale ndibano.

Ezi ndwendwe zinethamsanqa zizuze izikipa neencwadi zeeresipi xa bekutsalwa abaphumeleleyo.


IChuchekani Group ibisonwabisa iindwendwe kule ndibano ngomxhentso wakwantu icula neengoma zesiShangane 

UVeronica Mkari ebonisa ibeef casserole ayipheke kule ndibano.



BHAKA NGEFLAWA EPHA
MBILI YESNOWFLAKE


Bhakela usapho lwakho ezi zidlo zimnandi - luya kuzithanda!

DELICIOUS MUFFINS

750m1 YESNOWFLAKE CAKE FLOUR
20m1 yeROYAL BAKING POWDER
5ml yetyuwa
250ml yecastor sugar (210g)
Amaqanda amane, awona makhulu
150ml yeEpic oil
10ml yevanilla essence okanye ialmond
essence
150ml yobisi
500ml yeerasentyisi okanye ifruit CAKE
mix (300g) (xa uthanda)

1. Dibanisa izithako ezomileyo ndawonye. Ugalele iswekile .
2. Qhuqha amaqanda, ioyile , ivanilla essence kunye nobisi.
3.Vula umngxuma embindini wezithako ugalele umxube wakho weqanda. Galela iirasentyisi uzamise ngobunono ngephini kudibane. Lumkela kungahlanganiseki kakhulu.
4. Ukwenza iimuffin ezinentloko enkulu yigcwalise ipani .
5. Galela kangangecephe le-ice cream epanini uze ubhake kwionti enobusbushu obungama-180C/350F imizuzu engama-20 ukuya kuma-25.
6. Kukhuphele kwindawo yokupholisa.
7. Zimnandi ezikeyiki kwaye unokufafaza i-icing sugar ngaphezulu kungenjalo uziqabe i-icing sugar .
8. Ziqina kakuhle ezi muffin . Kuphuma iimuffin ezili-18.

EZINYE IINCASA
1. ISWEET BRAN MUFFINS
Hlalisa ama-250m1 isnowflake
DIGESTIVE BRAN kwi-125m1 yobisi.
Landela iresiphi ugalele ibran kwinyathelo lesithathu.

2. ICHOCOLATE MUFFINS Galela ama-50m1 ekoko kuma-50m1 amanzi abilayo. Landela iresipi ugalele ikoko kwinyathelo lesithathu.
Unokusebenzisa ama-1ml omgubo wekofu engqongqo endaweni yekoko .
3. IPOPPY SEED MUFFINS Landela iresipi ugalele ama-100m1 epoppy seeds (70g).

4. ICINNAMON AND PUMPKIN MUFFINS
Landela iresipi utshintshe ezi zinto zilandelayo: Galela i-l0ml yecinnamon kwizithako ezomileyo. Pheka ucubhe ama-400ml ebutternut okanye ithanga elimalunga (nama-360g). Zamisela kumxube wakho.

5. ICINNAMON SUGAR MUFFINS Xuba i-5ml nama-125ml eswekile ufafaze ngaphezulu kwentlama yakho ngaphambi kokuba ubhake .

ICRUMPETS
125ml Epic oil
125ml yobisi
Amaqanda amathathu amakhulu
125ml yeswekile (l00g)
375ml YESNOWFLAKE CAKE FLOUR
okanye iBROWN BREAD MEAL
(210g)
1ml yetyuwa
10ml yeROYAL BAKING POWDER

1. Qhuqha ioli , amaqanda, iswekile ndawonye de inyibilike iswekile .
2. Sefa ndawonye iflawa , ityuwa, ibaking POWDER netyuwa.
3. Galela umxube wobisi koweflawa uxove de zingabikho izigaqa. 
4.Yikha umxube ngecephe lizale uwugalele kwipani ethanjisiweyo neshushu. 
5. Xa kuphuma amaqabaza guqula.
6. Phinda-phinda de iphele intlama ukuphakele abantu kunye nejam nebhotolo .
Ziba ngama-36 iicrumpet eziphumayo.

EZINYE IINCASA
1. Unokusebenzisa i-125ml yecheese egreyithiweyo (50g) endaweni yeswekile ugalele imustard POWDER xa ufuna zibe yisavoury cheesy crumpets .
2. Galela i-125m1 yepecan nuts ezicujiweyo (50g) ukwenza intlama ibe switi .
4. Sebenzisa iskim milk kunye neendawo ezimhlophe zamaqanda amathandathu (endaweni yamaqanda amathathu xa ufuna iicrumpet ezingenakholesterol .



BONA XHOSA - August 1995


IFLAWA EKUBHAKISA
KAKUHLE LONKE IXESHA
SASKO ineendidi zeflawa ezikulungele ngokukodwa ukubhaka iCake FLOUR , iSelf-raising FLOUR , ibran Rich Self-raising FLOUR , iBROWN BREAD MEAL , iWhole Wheat MEAL , iWhite BREAD FLOUR , kwaye ngoku kukho neVitamini Enriched White BREAD FLOUR . Inencasa efanayo ikwabhaka ngokufanayo, kodwa iivithamini eziyimfuneko ezigalelwe kuyo ziyanceda ekwakheni amazinyo namathambo aqinileyo!


IJAM BREAD FRITTERS

Izilayi ezisibhozo zesonka seSasko Vitamin Enriched BREAD
ibhotolo okanye imagarini yokuqaba amaqanda amabini
125 ml yobisi icinnamon sugar
Yenza iisandiwitshi ezine ngejam nebhotolo . Susa iikhrasti . Sika isandiwitshi nganye ibe yimicu emithathu. Qhuqha amaqanda nobisi, uncindele kuwo isonka ngasinye usiqhotse de sibe mdaka emacaleni. Hluza ioyile kwiphepha eliyitawuli . Fafaza ngecinnamon sugar uhambise ebantwini kuseshushu. Kuphuma iminwe eli-12.



I-NO BAKE CHOCOLATE SQUARES

50 g yebhotolo okanye imagarini
60 g yeswekile
45 ml yegolden syrup
45 ml yomgubo wekoko
3 ml yevanilla essence
185 g yemvuthuluka ezikrobo-krobo zeSASKO
Vitamin Enriched BREAD

ITopping :

200 g yemilk chocolate , enyibilikisiweyo
30 ml yeemvuthuluka ezikrobo-krobo

Nyibilikisa ngobunono ibhotolo , iswekile kunye negolden syrup epanini . Susa estovini uzamisele phakathi ikoko nevanilla essence de zidibane. Galela iimvuthuluka zesonka uzamisisise. Qaba kancinci isitya esisisangqa esingama-20 cm uze ubeke iwax wrap ngaphantsi.Yiyeke iiyure ezine ukuya kwezintlanu de iqine. Yikhuphe kakuhle ugalele ichocolate topping ngaphezulu. Fafaza iimvuthuluka zesonka ngaphezulu uyisike ibe namacala alinganayo. Kuphuma ezili-18.

Ukwenza iimvuthuluka ezikrobo-krobo:
Qhotsa iimvuthuluka zesonka estovini esinobushushu obuphantsi kwibhotolo enyibilikisiweyo de zibe krobo-krobo.

ICARROT AND BREAD PUDDING

100 g yeSASKO Vitamin Enriched BREAD
250 ml yeminqathe egreyithiweyo
60 ml yeseedless raisins
5 ml yemixed spice
4 amaqanda 100g (125 ml) yeswekile emhlophe
5 ml yebicarbonate of soda 15 ml yobisi 500 ml yobisi olushushu
Yenza isonka sibe ziimvuthuluka. Dibanisa iimvuthuluka, iminqathe, iiraisins kunye nemixed spice . Qhuqha amaqanda kunye neswekile . Galela ubisi kumxube weemvuthuluka zesonka. Nyibilikisa ibicarbonate of soda kwi-15 ml yobisi uzamise. Zamisisa. Qaba kancinci isitya esanela iilitha ezimbini sokupheka eontini uze ugalele umxube wakho ubhake kubushushu obungama-180C imizuzu esukela kuma-30 ukuya kuma-40 okanye kude kuqine kube mdaka. Inokutyiwa kunye neskhastadi emanzi ishushu. Yonela abantu abane ukuva kwabathandathu.


IBAKED CHEESE PUDDING

500 ml yobisi
4 amaqanda
100 g (250 ml) yecheddar cheese egreyithiweyo
100 g (500 g) yeSASKO Vitamin Enriched BREAD
ityuwa nepepile
5 m1 yedry mustard POWDER

Qhuqha amaqanda, ubisi, imustard POWDER kunye netyuwa nepepile . Galela iikhrasti zesonka necheese Qaba kancinci isitya esanela ilitha ugalele umxube wakho. Bhaka kwionti enobushushu obuyi-180C iimzuzu engama-30 okanye de kube mdaka.Yonela abantu abane.



76 BONA XHOSA - August 1995

78 BONA XHOSA- August 1995

BONA XHOSA- August 1995 83

	For more information , call SASKO Customer Care on 0800-022000 ( toll-free .)

		BONA XHOSA- August 1995 83

	For more information , call SASKO Customer Care on 0800-022000 ( toll-free .)

